Try GOLD - Free
INgqungquthela yeeNkokeli zeG20 eMzantsi Afrika ayizulityaziswa nguTrump
Isolezwe lesiXhosa
|September 04, 2025
UMPHATHISWA wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe kunye neNtsebenziswano, uRonald Lamola, uthe iNgqungquthela yeeNkokeli zeG20 iya kuqhubeka kweyeNkanga, nokuba uMongameli waseMelika uDonald Trump akathathi nxaxheba.
UMzantsi Afrika kulindeleke ukuba ubambe ingqungquthela yeG20 2025, eza kubanjelwa eGoli kweyeNkanga 2025. Oku kuya kuphawula indibano yokuqala yale mibutho kumhlaba waseAfrika.
ULamola uthethe kwindibano noonondaba ePitoli ngoLwesithathu, esithi akukabikho bungqina bucacileyo bokuba iMelika izozimasa na, emva kokuba uTrump ebonise ukuba angangayi kulo msitho ekhalazela into ayibiza njengokubulawa kwabantu ngenxa yobuhlanga eMzantsi Afrika.
This story is from the September 04, 2025 edition of Isolezwe lesiXhosa.
Subscribe to Magzter GOLD to access thousands of curated premium stories, and 10,000+ magazines and newspapers.
Already a subscriber? Sign In
MORE STORIES FROM Isolezwe lesiXhosa
Isolezwe lesiXhosa
Amakhosi athatha isigqibo sokwahlukana noKaze noBen Youssef
IINDABA eziphuma eNaturena zithi abaphathi beKaizer Chiefs bagqibe kwelokuba bangazivuseleli izivumelwano zengqesho nabaqeqeshi ababini, uCedric Kaze noKhalil Ben Youssef.
1 min
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
Amasandawana abuyele ekhaya engoomanganqa ebholeni yeAfrika
EMVA kweminyaka elishumi izama ukuphumelela eyona ndebe yexabiso kwizwekazi leAfrika jikelele, iMamelodi Sundowns ibuyele ekhaya iziintshatsheli ezintsha zeCAF Champions League kule veki.
1 min
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
URamaphosa uza kuthawuziswa emalahleni abomvu yiATM
UMBUTHO wezopolitiko ophikisayo ePalamente, iAfrican Transformation Movement (ATM), uthembisa ngokumthawuziswa emalahleni abomvu uMongameli Cyril Ramaphosa ngenxa yengxubakaxaka yasePhala Phala esematheni.
1 min
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
Ucelelwa indlu ebhetele uKuse oyintshatsheli entsha yehlabathi
OPHETHE iBoxing South Africa ephondweni leMpuma Koloni, uPhakamile Jacobs, ucele iinkokeli zeBuffalo City Metro ukuba zimzamele indawo yokuhlala ebhetele uSiyakholwa Kuse oyintshatsheli entsha yehlabathi.
1 min
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
Yimpoxeko kwanemincili ngokukhululwa kukaMan B natyholwa nabo
IBEZIZIJWILI kwizihlobo zomntwana oyinkwenkwe olwela ubomi bakhe esibhedlele ngaphandle kweNkundla yamaTyala yakuGompo City logama ibikwayiyo nemincili kwizihlobo zabatyholwa abathathu.
1 min
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
Kuthiwa uyafeketha uMabuyane okhala ngesidima sakhe kwinto yeMastazi
KULINDELEKE ukuba sibhengezwe kwiiveki ezizayo isigwebo etyaleni likaJulius Malema owamangalelwa nguLubabalo Oscar Mabuyane okhokela iAfrican National Congress (ANC) noRhulumente wephondo leMpuma Koloni.
1 mins
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
UNomeva ubalule uChief Njekanye emva komlo wakhe wokugqibela
IMBETHIMANQINDI eyaziwayo, uXolisani 'Nomeva' Ndongeni, ivale incwadi yayo emdlalweni wamangqindi ngendlela ekhethekileyo kwitumente ebibanjelwe eGompo City ngempelaveki edlulileyo.
1 mins
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
Bancumile eXhorha emva kokuhlaziywa kwesikolo sabo ngeR34-million
A BANTWANA besikolo nabantu belali bashiyeke bencumile emva kokuvulwa kwesikolo sabo esihlaziywe ngurhulumente.
1 mins
May 28, 2026
Isolezwe lesiXhosa
Ulutsha lwaseBizana lukhuthazwa ukuba luvote
NJENGOKO unyulo loomasipala luza kwenzeka ekupheleni konyaka, ulutsha laseBizana lukhuthazwe ukuba luthathe inxaxheba kunyulo ukuze lukwazi ukuvakalisa amazwi alo futhi luncede ekuziseni utshintsho kwiindawo abahlala kuzo.
1 min
May 21, 2026
Isolezwe lesiXhosa
Kukhangelwa inkosikazi ekukholelwa ukuba ingancedisa kumatyala okuxhwila noxhaphazo ngokwesondo
IIHAWKS zaseMpuma Koloni zibongoza intsebenziswano kuye nabani na onokuba nolwazi malunga nenkosikazi egama linguYonela Sapepa (30) eze ngaphambili kwiiHawks.
1 min
May 21, 2026
Listen
Translate
Change font size

