試す 金 - 無料
Isikolo saseMotherwell sifumene iziko lombane welanga
Isolezwe lesiXhosa
|December 04, 2025
ISIKOLO saseMotherwell, eGqeberha, iElundini Primary School, kutshanje sifumene iziko elitsha lokufunda elisebenza ngamandla elanga elinikezelwe yiEngen ukuqinisekisa ukuba kusoloko kukho umbane xa kufundiswa.
IEngen ikwazile ukwenza lo mnikelo ngenxa yobudlelwane bayo bexesha elide neMark Headbush Foundation (MHF). Esi sikolo sesinye sezikolo ezimbalwa eMpuma Koloni ezifundisa iRobotics njengenxalenye yezifundo zayo, nto leyo eyenza umbane osebenza oko ubaluleke kakhulu ekuqhubeni izixhobo ezisetyenziswa kwiRobotics.
Iziko le15kW elisebenzisa amandla elanga - eliyilelwe laze lanikezelwa yiEngen Business & Energy Solutions (EBES) kwaye laphunyezwa liqela leEBES leenjineli – libonelela isikolo ngombane ukuxhasa izifundo zeRobotics neSTEM. Njengesisombululo sombane esizimeleyo esixhotyiswe ngesixhobo seUPS, eli ziko lekhonteyina liqinisekisa umbane ongaphazanyiswayo ukuqinisekisa ukuba ukufundisa nokufunda okwenziwa ngaphakathi kuyo kuhamba kakuhle.
このストーリーは、Isolezwe lesiXhosa の December 04, 2025 版からのものです。
Magzter GOLD を購読すると、厳選された何千ものプレミアム記事や、10,000 以上の雑誌や新聞にアクセスできます。
すでに購読者ですか? サインイン
Isolezwe lesiXhosa からのその他のストーリー
Isolezwe lesiXhosa
Abantu bayalumkiswa ngomyalezo ongeyonyani okhala ngesibonelelo esitsha
ISEBE lezoPhuhliso loLuntu (DSD) lilumkisa uluntu ukuba luwuthathele ingqalelo umyalezo wobuxoki ojikeleza kumakhasi onxibelelwano obanga ngelithi uMongameli uCyril Ramaphosa uyalele uMphathiswa weli Sebe, uNokuzola Sisisi Tolashe, ukuba avule ubhaliso ukuze abantu bafake izicelo zesibonelelo seNational Family Support Allowance esixabisa iR1682 esifumaneka iinyanga ezintathu.
1 min
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
UCapa uhlaba ikhwelo ebantwini ukuba bavavanyele intsholongwane kagawulayo
UMPHATHISWA weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, umemelele wonke umntu ukuba aqinise idabi lokulwa intsholongwane kagawulayo (HIV/AIDS) ngokuthi azivavanye kwaye kwabo banaso esi sifo batye iipilisi zabo.
1 mins
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
Mchunu: 'Andizange ndityholwe ngobuqhophololo, nakanye'
UMPHATHISWA wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu uvule ubungqina bakhe kwiKomishini kaMadlanga ngoLwesibini ngokuthi ngethuba enguMphathiswa akazange achaphazeleke kubuqhophololo.
1 min
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
IPirates ibeke iliso layo kwindebe yeCarling Knockout Cup
MVA kokubhukuqa iMamelodi Sundowns phezulu kwiBetway Premiership kwiveki ephelileyo, iOrlando Pirates ikhuthazekile phambi komdlalo olandelayo. Oku kuthethwe ngumqeqeshi wayo, uAbdeslam Ouaddou, ekuqaleni kwale veki encokola neentatheli.
1 min
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
Isikolo saseMotherwell sifumene iziko lombane welanga
ISIKOLO saseMotherwell, eGqeberha, iElundini Primary School, kutshanje sifumene iziko elitsha lokufunda elisebenza ngamandla elanga elinikezelwe yiEngen ukuqinisekisa ukuba kusoloko kukho umbane xa kufundiswa.
1 mins
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
Yonwaba, khenketha ephondweni lakho, itsho iECPTA
IVULWE ngokusesikweni isizini yokhenketho eMpuma Koloni. Oku kwenziwe nguMnu. Mlungisi Mvoko, onguMphathiswa weZimali ephondweni, obe sisithethi esiphambili emsithweni obuseMorgan's Bay Hotel, kwindawo ekuthiwa kukwaGxarha.
1 mins
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
linzame zokunceda iintsapho ezichatshazelwe yimililo eNtshona Koloni ziyaqhubeka
IINZAME zokunceda iintsapho kwiindawo ezithile eNtshona Koloni ziyaqhubeka emva kokuba amakhulukhulu emizi etshatyalaliswe yimililo kwiindawo ezithile zeli phondo ngempelaveki.
1 min
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
Amabhokobhoko avala unyaka ehlel'phezulu emva kokugqugqisa eYurophu
UMQEQESHI weqela lesizwe lombhoxo, uRassie Erasmus, uvakalise uchulumanco emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo wokugqibela kulo nyaka. Oku kulandela emva kokuba Amabhokobhoko engcwabe iWales ngo'73-0 emdlalweni wovavanyo obubanjelwe ePrincipality Stadium, eCardiff, kwiveki ephelileyo.
1 min
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
ICoega ifumene uphicotho Iweencwadi olucocekileyo okwesithandathu
IQUMRHU lophuhliso likaRhulumente ekuthiwa yiCoega liqinisekise indima yalo njengenkokeli kushishino nohlumo loqoqosho kwintlanganiso iAnnual General Meeting ka2025 (AGM) kutshanje ngethuba ibhengeza uphicotho lweencwadi lesithandathu olungenaziphene nokuqhuba kakuhle kwicala lezemali.
1 min
December 04, 2025
Isolezwe lesiXhosa
Amaxabiso amafutha onyukile
ISEBE lezeZimbiwa libhengeze ukuba amaxabiso amafutha anyukile ukusuka ngoLwesithathu, umhla wesithathu kweyoMnga 2025.
1 min
December 04, 2025
Listen
Translate
Change font size
